Hymn 93
1. Unabantu bakho Thixo;
Ngamaxesha onke;
Ubagcina,ubanceda,
Endaweni zonke.
2. Bakuwela imilambo,
Uba nabo Wena;
Bakutshiswa ngemililo
Uba nabo wena!
3. Apho batshutshiswa khona
Bomelezwa nguwe;
Nasezingozini zonke,
Bayagcinwa nguwe.
4. Bakhangele kuwe,Nkosi
Abo bantu bakho;
Babulela,bethembile,
Abo bantu bakho!
![](https://i.ytimg.com/vi/Yomt3gkZT00/maxresdefault.jpg)